21 Kwelabafileyo iingangalala zeenkokheli ziya kuthetha ngeJiputa namahlakani ayo, zithi: ‘Behla baza kulala nabangalukanga, abo babulewe ngekrele.’
22 “Ilapho iAsiriya kunye nomkhosi wayo wonke; urhangqwe ngamangcwaba abantu bayo bonke ababuleweyo, bebulawa ngekrele.
23 Amangcwaba abo asezantsi kwelabafileyo; arhangqwe zizidumbu zomkhosi wayo. Bonke abahlwayela ivuso elizweni labaphilayo batyakatyiwe babulawa ngekrele.
24 “Ilapho iElam; ingcwaba layo lirhangqwe zizihlwele zayo. Bonke batyakatywe ngekrele. Bonke abatyala ivuso elizweni labaphilayo baye kulala ngaphantsi komhlaba kunye nabangalukanga. Bathwele ihlazo kunye nâbo behlayo bengena kwelabafileyo.
25 IElam yenzelwe umandlalo phakathi kwezidumbu zababuleweyo, ingcwaba layo lirhangqwe zizihlwele zayo. Bonke bafe ngekrele bengalukanga. Ngenxa yevuso labo kwilizwe labaphilayo balithwele ihlazo kunye nâbo bahlela kwelabafileyo. Balele nababuleweyo.
26 “Balapho ooMesheki nooTubhali; amangcwaba abo angqongwe zizihlwele zabo. Bonke abolukanga, batyakatywe ngekrele kuba ilizwe labaphilayo bebeliphethele ngoqhushululu.
27 Balele ndawonye namanye amajoni angalukanga angcwatywe kunye nezikhali zawo zokulwa, enze ngazo umqamelo. Isohlwayo sezono zawo naso emathanjeni abo. Kaloku ivuso lawo laligqiba lonke ilizwe labaphilayo.