1 Ndaliva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
2 “Mntundini, bakhalimele abelusi bakwaSirayeli; ewe, bakhalimele uthi kubo: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Yehaa, abelusi bakwaSirayeli abakhathalele iziqu zabo kuphela! Ngaba abelusi àbafanele kwalusa umhlambi na?
3 Nidla ingqaka, nenze izinxibo ngoboya, nixhele ezona zityebileyo, kodwa aninankathalo ngomhlambi.
4 Anizomelezi ezibuthathaka, okanye nizinyange ezigulayo, kungenjalo nizibophe ezenzakeleyo. Anizinqandi eziphambukayo, okanye nizifune ezilahlekileyo. Ndaweni yaloo nto niziphethe gadalala nangenkohlakalo.
5 Ke ngoko zithe saa, kuba zingenaye umalusi, zaba ke njalo zilixhoba lamarhamncwa.
6 Iigusha zam zaya kutsho ezintabeni, zathi xakalala ezindulini zonke. Zathi saa kulo lonke ilizwe, akwabikho mntu ubuzisayo uzifunayo.