4 Anizomelezi ezibuthathaka, okanye nizinyange ezigulayo, kungenjalo nizibophe ezenzakeleyo. Anizinqandi eziphambukayo, okanye nizifune ezilahlekileyo. Ndaweni yaloo nto niziphethe gadalala nangenkohlakalo.
5 Ke ngoko zithe saa, kuba zingenaye umalusi, zaba ke njalo zilixhoba lamarhamncwa.
6 Iigusha zam zaya kutsho ezintabeni, zathi xakalala ezindulini zonke. Zathi saa kulo lonke ilizwe, akwabikho mntu ubuzisayo uzifunayo.
7 “Nina ke, belusi, yivani ilizwi likaNdikhoyo:
8 Ndikho nje ndiyafunga, itsho iNgangalala uNdikhoyo, ngenxa yokuba umhlambi wam ungenamalusi, suka wahlaselwa waba lixhoba lawo onke amarhamncwa, nasekubeni abelusi bengazifunanga ezilahlekileyo, kodwa basuke bakhathalela iziqu zabo endaweni yomhlambi wam,
9 ngoko ke, liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina belusi:
10 Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nabelusi, kwaye ndiya kuwubiza kubo owam umhlambi. Ndiza kubagxotha bangabi sawalusa umhlambi wam, ukuze bayeke ukwalusela iziqu zabo. Ndiza kuwuhlangula umhlambi wam, ungabi kukudla kwabo.