7 “Nina ke, belusi, yivani ilizwi likaNdikhoyo:
8 Ndikho nje ndiyafunga, itsho iNgangalala uNdikhoyo, ngenxa yokuba umhlambi wam ungenamalusi, suka wahlaselwa waba lixhoba lawo onke amarhamncwa, nasekubeni abelusi bengazifunanga ezilahlekileyo, kodwa basuke bakhathalela iziqu zabo endaweni yomhlambi wam,
9 ngoko ke, liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina belusi:
10 Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nabelusi, kwaye ndiya kuwubiza kubo owam umhlambi. Ndiza kubagxotha bangabi sawalusa umhlambi wam, ukuze bayeke ukwalusela iziqu zabo. Ndiza kuwuhlangula umhlambi wam, ungabi kukudla kwabo.
11 “Utsho uMhlekazi uNdikhoyo ukuthi: Uyabona, iigusha zam ndiya kuzifuna ngokwam, ndize ndizilondoloze.
12 Njengomalusi olondoloza umhlambi wakhe othe saa, nam ndiya kuzilondoloza iigusha zam. Ndiya kuzihlangula kuzo zonke iindawo ezathi saa kuzo ngomhla wamafu nobumnyama.
13 Ndiya kuzikhupha ezizweni, ndizibuthe emazweni, ndizifake kwelazo ilizwe. Ndiya kuzalusela ezintabeni eziphakamileyo zakwaSirayeli, ezingxingweni, nakuzo zonke izithanga zelizwe.