2 “Mntundini, bhekisa kwintaba iSeyire, uyikhalimele,
3 uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nawe, ntaba yaseSeyire, ndaye ndiza kukufika ngesandla, ndikutsho ube yinkangala yentlango.
4 Ndiya kuzidiliza izixeko zakho, kutsho kube senxuweni. Uya kuqonda ke ukuba ndinguNdikhoyo.
5 “Ngenxa yokuba ubambe ubutshaba obudala, amaSirayeli wawayekela atyakatywa ngekrele ngexesha lawo lentlekele, apho isohlwayo sawo sasifikelele encotsheni,
6 ndikho nje ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, ndiza kukunikezela kwabakusukelayo bazingise ukuliphalaza igazi lakho. Kaloku wena awukuthiyanga ukuphalazwa kwegazi, ke ngoko impalalo-gazi iya kuhlala ikusukela.
7 Ndiya kuyenza intaba yaseSeyire ibe yinkangala, ndibathintele abo bafuna ukuma kuyo.
8 Iintaba zakho ndiya kuzenza zizale zizidumbu zabagwintiweyo; izidumbu zabatyakatywe ngekrele ziya kuzalisa iinduli zakho, neentlambo zakho, neengxingwa zakho.