14 ngoku ke akuyi kuphinda uqwenge abantu, uhluthe nesizwe abantwana, itsho iNgangalala uNdikhoyo.
15 Andiyi kuphinda ndikwenze unyamezele ukugxwalwa zizizwe, ube yintlekisa yabantu, nokuba siwe isizwe sakho, itsho iNkosi uNdikhoyo.”
16 Kwakhona ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
17 “Mntundini, amaSirayeli aligqwalisile ilizwe ngesimo nangezenzo zawo ngexesha ayehlala kulo. Isimo sawo emehlweni am nqwa nomfazi ohlambayo.
18 Ndayikhuphela kuwo ke ingqumbo yam, kuba ayeliphalazile igazi elizweni, alixabhela ngezithixo.
19 Ndawasarhaza ezizweni aziimbacu emazweni, ndabohlwaya ngokwesimo nezenzo zawo.
20 Naphi na apho ahamba khona ezizweni alinyelisa igama lam elingcwele, kuba kwakusithiwa: ‘Aba ngabantu bakaNdikhoyo, kodwa kwanyanzeleka balishiye ilizwe lakhe.’