1 Amandla *kaNdikhoyo andongamela, waza wandifunqula ngoMoya wakhe, wandibeka esizikithini sentlambo eyayizele ngamathambo.
2 Wandijikelezisa phakathi kwawo, ndaza ndabona amathambo amaninzi ethe waca apho entlanjeni; ayesele ome nko.
3 Waza wathi: “Mntundini, angaba saphila na la mathambo?”Ndaphendula ndathi: “Nguwe owaziyo, Mhlekazi Ndikhoyo.”
4 Wathi ke kum: “Shumayeza la mathambo, uthi kuwo: Mathambondini omileyo, yivani ilizwi likaNdikhoyo!
5 Itsho iNkosi uNdikhoyo kula mathambo ukuthi: Ndiya kufaka umoya kuni ukuze nidle ubomi.
6 Ndiya kunamathelisa imisipha kuni, ndigqume ngenyama, ndize ndinambathise ngolusu. Ndiya kunifaka umoya, nize nibe ngabaphilayo. Niya kutsho nazi ukuba ndinguNdikhoyo.”
7 Ndashumayela ke njengoko ndandiyalelwe. Ndathi, ndisashumayela njalo, ndeva isandi esirhwashazayo, aza amathambo ahlangana, ithambo ladibana nelinye.