7 Ndashumayela ke njengoko ndandiyalelwe. Ndathi, ndisashumayela njalo, ndeva isandi esirhwashazayo, aza amathambo ahlangana, ithambo ladibana nelinye.
8 Ndajonga kwaza kwavela imisipha nenyama kuwo, ambathiswa ngolusu, kodwa ayengekabi namoya.
9 Waza wathi kum: “Shumayeza umoya; wushumayeze, mntundini, uthi kuwo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Moyandini, yiza uvela kwimimoya yomine, uphefumlele abafe ngekrele, khon' ukuze babe ngabaphilayo.’ ”
10 Ndashumayela ke njengoko endiyalela, waza umoya wangena kuwo, aba ngabaphilayo, avuka ema ngeenyawo – inyambalala yomkhosi.
11 Wathi ke kum: “Mntundini, la mathambo yindlu kaSirayeli iphela. Ithi: ‘Amathambo ethu omile; ithemba lethu lidakile; kuphelile kuthi.’
12 Ke shumayela uthi kuyo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Bantu bam, ndiza kuwavula amangcwaba enu, ndize ndinikhuphe kuwo. Ndiza kunibuyisela ezweni lakwaSirayeli.
13 Niya kuqonda ke nina, bantu bam, ukuba ndinguNdikhoyo, xa ndiwavula amangcwaba enu, ndinikhupha kuwo.