1 “Mntundini, mkhalimele uGogi, uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nawe, Gogi, nkosi enkulu yaseMesheki naseTubhali.
2 Ndiza kukujika ndikurhuqe. Ndiza kukulanda kwelikude emantla, ndikuse ezintabeni zakwaSirayeli.
3 Isaphetha sakho ndiya kusibetha siwe kwisandla sakho sasekhohlo, neentolo zakho ziwe kwisandla sakho sasekunene.
4 Wena nawo wonke umkhosi wakho nesizwe sakho siphela niya kufela ezintabeni zakwaSirayeli. Ndiya kunenza nibe kukutya kweentaka namarhamncwa.