14 “Kuya kumiselwa amadoda aya kuzingisa ngokulicoca ilizwe. Amanye aya kuhamba lonke ilizwe, amanye angcwabe ezo zidumbu zisabonakalayo phezu komhlaba. Emva kweenyanga ezisixhenxe aya kuqalisa ukuzingela kulo lonke ilizwe,
15 kuze kwenziwe umqondiso apho kubhaqwe khona ithambo lomntu de lingcwatywe ngabangcwabayo kwintlambo yesihlwele sikaGogi.
16 Apho kuya kubakho nesixeko esiyiHamona. Kuya kuba njalo ke ukuhlanjululwa kwelizwe.
17 “Mntundini, itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Biza zonke iintlobo zeentaka nazo zonke izilo zasendle, uthi: ‘Yizani niqokelelane kweli dini ndinilungiselela lona, inyhikityha yedini phezu kweentaba zakwaSirayeli. Apho niza kutya inyama nisele negazi.
18 Niya kutya inyama yeengangamsha, nisele negazi leenkosi zalo mhlaba ngokungathi ziinkunzi zeegusha namatakane, iibhokhwe neenkunzi zeenkomo, zonke zityetyiswe eBhashan.
19 Kwidini endinilungiselela lona niya kutya amanqatha nide niwatyekeze, nisele igazi nide ninxile lilo.
20 Kwisithebe sam niya kutya amahashe nabakhweli bawo, iingangamsha nazo zonke iindidi zamadoda omkhosi,’ itsho iNkosi uNdikhoyo.