2 Ndiza kukujika ndikurhuqe. Ndiza kukulanda kwelikude emantla, ndikuse ezintabeni zakwaSirayeli.
3 Isaphetha sakho ndiya kusibetha siwe kwisandla sakho sasekhohlo, neentolo zakho ziwe kwisandla sakho sasekunene.
4 Wena nawo wonke umkhosi wakho nesizwe sakho siphela niya kufela ezintabeni zakwaSirayeli. Ndiya kunenza nibe kukutya kweentaka namarhamncwa.
5 Niya kufela endle elubala, kuba kuthethe mna, itsho iNgangalala uNdikhoyo.
6 IMagogi nabemi baselunxwemeni abangalindele ngozi ndiya kubathumela ngomlilo ukuze bazi ukuba ndinguNdikhoyo.
7 “Ndiya kulazisa igama lam elingcwele kubantu bam amaSirayeli. Andiyi kuvuma lingcoliswe igama lam elingcwele, kwaye nezizwe ziya kwazi ukuba mna Ndikhoyo ndinguYedwa wakwaSirayeli.
8 Iyeza! Ewe, iza kufika, itsho iNgangalala uNdikhoyo. Yile mini bendiyixela ke leyo.