26 Ngexesha abahleli bekhuselekile ezweni labo bengalindele ngozi baya kulilibala ihlazo labo nokunganyaniseki kwabo kum ngaphambili.
27 Ndakuba ndibaphuthumile ezizweni, ndababutha emazweni eentshaba zabo, zonke izizwe ndiya kuzibonisa ngabo ukuba akukho namnye unjengam.
28 Baya kwazi ngoko ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wabo, kuba, nakuba ndabathumela ezizweni baba ngabathinjwa, ndiya kubaqokelela, ndibabuyisele ezweni labo, ndingashiyi namnye.
29 Andiyi kuphinda ndizifihle kubo, kodwa ndiya kuphokozela uMoya wam kumaSirayeli, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”