1 Wathi kum *uNdikhoyo: “Ngoku ke, mntundini, thatha isitena, usibeke phambi kwakho, uze uzobe isixeko saseJerusalem kuso.
2 Wakugqiba uze usirhangqe ngezinto zokungqinga: yakha isithambeka sithi nca kuso, usijikeleze ngeekampu zamajoni, uze usirhangqe ngezigodo zokudiliza iindonga.
3 Wakuba wenjenjalo uzuthathe intsimbi emcaba, uyibeke njengodonga phakathi kwakho nesixeko, ujike ujonge kuyo. Ngaloo ndlela ke uya kuba usingqingile isixeko. Le nto ke iya kuba ngumqondiso kwindlu kaSirayeli.
4 “Ngoku ke ngqengqa ngecala lasekhohlo, ube ngokwenjenjalo usithabathele kuwe isono sendlu kaSirayeli. Esi sono ke siya kuba sesakho zonke iintsuku ulele ngecala.
5 Ndikusikele iintsuku ezinani lilingana nenani leminyaka yokreqo lwendlu kaSirayeli. Ngoko ke uya kusithwala isono sayo iintsuku ezingamakhulu amathathu namashumi alithoba.
6 “Wakuba ukufezile oku, uze uphinde ungqengqe, kodwa ngoku ngecala lasekunene, ube ngokwenjenjalo usithabathela kuwe isono sendlu kaJuda. Ndikusikele iintsuku ezingamashumi amane; usuku ngalunye lumele unyaka.
7 Jika ujonge kwiJerusalem engqingiweyo, ukhomba-khomba oku komshumayeli.