1 Ngonyaka wamashumi amabini anesihlanu wokuthinjwa kwethu, kanye ekuqalekeni konyaka, ngomhla weshumi enyangeni, kunyaka weshumi elinane emva kokoyiswa kweJerusalem, ngaloo mini kanye ndasiva isandla *sikaNdikhoyo, wandithatha wandisa eJerusalem.
2 Wandithatha ngemibono evela kuThixo, wandisa kwilizwe lakwaSirayeli, waza wandibeka phezu kwentaba ephakamileyo eyayinezakhiwo ezazingathi sisixeko kwicala langezantsi.
3 Wandisa apho, ndaza ndabona umfo owayekhangeleka ngathi sisinyithi. Wayemi esangweni, ephethe intsontelo yelinen noluthi lokulinganisa.
4 Wathi kum: “Mntundini, uze ujonge ngamehlo akho, uphulaphule ngeendlebe zakho, uyithathele ingqalelo yonke into endiza kukubonisa yona, kuba ulapha nje uziselwe loo nto. Uze umzi wakwaSirayeli uwuxelele konke okubonileyo.”
5 Ndabona udonga olujikeleze yonke inkundla yendlu kaThixo. Ubude boluthi lokulinganisa olwaluphethwe yiloo ndoda babuziimitha ezintathu. Yalinganisa udonga, yaza yafumana luziimitha ezintathu ububanzi ngokunjalo nomphakamo.
6 Iye kwisango elijonge empumalanga. Ihambe ngezinyuko zesango, yalinganisa umgubasi walo, yaza yafumana uziimitha ezintathu ukungena.
7 Amagumbi abalindi eludongeni ayeziimitha ezintathu ubude nobubanzi, baza ububanzi beendonga eziwahlula-hlulayo baziimitha ezimbini ezinesiqingatha. Umgubasi wesango ekungeneni kwevaranda ejongene nendlu kaThixo wawuziimitha ezintathu ukungena.