25 Isango nevaranda yalo lalineembobo phezulu njengakwamanye amasango. Ubude balo yayiziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.
26 Amanqwanqwa alo ayesixhenxe, ejongene nevaranda yalo. Lalinemihombiso yesundu ezindongeni eziphongomileyo macala omabini.
27 Nayo intendelezo engaphakathi yayinesango elijonge emazantsi. Yenza umlinganiso womgama ukusuka kwisango elingaphakathi kuye kwelingaphandle, waba ngamashumi amahlanu eemitha.
28 Le ndoda yandingenisa kwintendelezo engaphakathi ngesango langezantsi, yaza yenza umlinganiso wesango elo. Lalilingana namanye.
29 Amagumbi aseludongeni neendonga eziphongomileyo nevaranda yalo zazilingana nezamanye amasango. Isango nevaranda yalo zazineembobo zijikelezile macala onke. Ubude balo babuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.
30 (Iivaranda zamasango angena kwintendelezo engaphakathi ayeziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha ububanzi, neemitha ezimbini ezinesiqingatha semitha ukungena.)
31 Ivaranda yayijonge kwintendelezo yokuqala. Amacala ayo ayehonjiswe ngamasundu. Amanqwanqwa okuya kuyo ayesibhozo.