36 ngokunjalo namagunjana aseludongeni neendonga eziphongomileyo kwanevaranda eyayineembobo yonke. Ubude balo babuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.
37 Ivaranda yalo yayijonge kwintendelezo engaphandle. Amacala ayo omabini ayehonjiswe ngesundu, amanqwanqwa aya kuyo esibhozo.
38 Malunga nevaranda yesango ngalinye kwaphakathi kwakukho igumbi elinomnyango apho ayehlanjwa khona amadini atshiswayo.
39 Kwivaranda yesango kwakumi iitafile ezimbini macala omabini ekwakuxhelelwa kuzo amadini atshiswayo, nawesono, nawetyala.
40 Malunga nodonga olungaphandle lwevaranda yesango kufuphi namanqwanqwa aya ekungeneni kwesango elingentla kwakumi iitafile ezimbini, zaza zambini kwakhona ngaphaya kwawo.
41 Ngoko ke zazine iitafile kwicala ngalinye lesango – iitafile ezisibhozo zizonke – apho ayexhelelwa khona amadini.
42 Kwakukho iitafile ezine zelitye elilungisiweyo zokusebenzela amadini atshiswayo, itafile nganye iziisentimitha ezingamashumi asixhenxe anantlanu ubude, ikwanjalo nobubanzi, neesentimitha ezingamashumi amahlanu umphakamo. Amadini atshiswayo namanye amadini ayehlinzwa phezu kwazo ngempahla yokuhlinza