6 Iye kwisango elijonge empumalanga. Ihambe ngezinyuko zesango, yalinganisa umgubasi walo, yaza yafumana uziimitha ezintathu ukungena.
7 Amagumbi abalindi eludongeni ayeziimitha ezintathu ubude nobubanzi, baza ububanzi beendonga eziwahlula-hlulayo baziimitha ezimbini ezinesiqingatha. Umgubasi wesango ekungeneni kwevaranda ejongene nendlu kaThixo wawuziimitha ezintathu ukungena.
8 Yaza ke yalinganisa ivaranda yesango.
9 Yayiziimitha ezine ukungena, aza amacala ayo ayimitha ububanzi. Ivaranda yesango yayijongene nendlu kaThixo.
10 Apha ngaphakathi kwesango elijonge empumalanga ayemathathu amagumbi eludongeni macala. Ayelingana omathathu, ngokunjalo neendonga eziwahlula-hluleyo.
11 Ke ngoko yalinganisa ububanzi besango; babuziimitha ezintlanu, ubude bona buziimitha ezintandathu ezinesiqingatha.
12 Phambi kwegumbi eliseludongeni ngalunye kwakukho udonga olusisiqingatha semitha ukuphakama, wona amagumbi aseludongeni enamacala alinganayo aziimitha ezintathu.