1 Le ndoda yandisa kwigumbi lesibingelelo esingaphandle, yaza yenza umlinganiso wamacala aso. Ububanzi bawo babuziimitha ezintathu icala ngalinye.
2 Ububanzi ekungeneni babuziimitha ezintlanu, zona iindonga ezimi macala ziziimitha ezimbini ezinesiqingatha semitha ububanzi. Yenza nomlinganiselo wegumbi lesibingelelo elingaphandle, wafumana sibubude obuziimitha ezingamashumi amabini nobubanzi obuziimitha ezilishumi.
3 Yandula ukuya kwigumbi lesibingelelo eliphakathi, yenza umlinganiselo wamacala esango. Icala ngalinye laliyimitha ububanzi. Isango laliziimitha ezintathu ububanzi, bona ububanzi beendonga zamacala esango buziimitha ezintathu ezinesiqingatha.
4 Yenza umlinganiso wobude beli gumbi eliphakathi, yafumana bulishumi leemitha, ububanzi bukwalishumi leemitha ukusuka kwigumbi eliphandle. Yathi ke kum: “Le yiNgcwele kaNgcwele.”
5 Yaza yenza umlinganiselo wodonga lwendlu kaThixo, yafumana ububanzi buziimitha ezintathu, kanti wona amagumbi ayame endlwini kaThixo eyijikelezile ayeziimitha ezimbini ububanzi.
6 La magumbi ayeyimigangatho emithathu, oko kukuthi elinye lakhiwe phezu kwelinye, engamashumi amathathu kumgangatho ngamnye. Udonga lwendlu kaThixo lwalujikelezwe lungqameko lokuxhasa amagumbi ayame kulo, ngoko ke kwakungekho zixhaso zingena eludongeni.