10 namagumbi ababingeleli lijikeleze yonke indlu kaThixo babulishumi leemitha.
11 Ibala eli lalinamasango amabini okuya kumagumbi ayamileyo, elinye lijonge emazantsi, elinye lijonge emantla. Ibala laliziimitha ezimbini ezinesiqingatha ububanzi lonke njengokuba lijikelezile.
12 Ububanzi bendlu eyayimi entshonalanga yentendelezo yendlu kaThixo babuziimitha ezingamashumi amathathu anantlanu, ububanzi bodonga lwayo buziimitha ezimbini ezinesiqingatha, ubude buziimitha ezingamashumi amane anantlanu.
13 Yenza umlinganiso wendlu kaThixo. Ubude bayo babungamashumi amahlanu eemitha. Intendelezo nesakhiwo esikufuphi, nazo zazibubude obungamashumi amahlanu eemitha.
14 Ububanzi bentendelezo engasempumalanga, bubandakanya nebala lendlu kaThixo, babuziimitha ezingamashumi amahlanu.
15 Yenza umlinganiso wesakhiwo esimalunga nentendelezo engemva kwendlu kaThixo, yafumana ubude baso budibene nobeevaranda zaso buziimitha ezingamashumi amahlanu.Igumbi langaphandle nelangaphakathi lesibingelelo, nevaranda ejonge entendelezweni,
16 kwanemigubasi neefestilana neevaranda zayo yomithathu, nayo yonke into ngaphaya kwayo, zazigqunywe ngamaplanga. Ngokunjalo umgangatho, udonga ukuya kuthi gaa ngeefestile, nkqu iifestile ngokwazo, zazigqunywe ngamaplanga.