14 Ububanzi bentendelezo engasempumalanga, bubandakanya nebala lendlu kaThixo, babuziimitha ezingamashumi amahlanu.
15 Yenza umlinganiso wesakhiwo esimalunga nentendelezo engemva kwendlu kaThixo, yafumana ubude baso budibene nobeevaranda zaso buziimitha ezingamashumi amahlanu.Igumbi langaphandle nelangaphakathi lesibingelelo, nevaranda ejonge entendelezweni,
16 kwanemigubasi neefestilana neevaranda zayo yomithathu, nayo yonke into ngaphaya kwayo, zazigqunywe ngamaplanga. Ngokunjalo umgangatho, udonga ukuya kuthi gaa ngeefestile, nkqu iifestile ngokwazo, zazigqunywe ngamaplanga.
17 Kule ndawo iphezu kwesango ngaphandle kwentendelezo ephakathi, nasezindongeni zeentendelezo ephakathi neyokuqala,
18 kwakuhonjiswe ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko neyamasundu. Amasundu ayebolekisana nezithunywa ezimaphiko. Isithunywa esimaphiko ngasinye sasinobuso obubini.
19 Ubuso bomntu babujonge kwisundu, obengonyama bujonge kwelinye isundu. Le mifanekiso yayikrolwe kuyo yonke indlu kaThixo.
20 Ukusuka emgangathweni kuye phezu kwesango kwakukrolwe izithunywa ezimaphiko namasundu kudonga lwegumbi elingaphandle lesibingelelo.