6 La magumbi ayeyimigangatho emithathu, oko kukuthi elinye lakhiwe phezu kwelinye, engamashumi amathathu kumgangatho ngamnye. Udonga lwendlu kaThixo lwalujikelezwe lungqameko lokuxhasa amagumbi ayame kulo, ngoko ke kwakungekho zixhaso zingena eludongeni.
7 Amagumbi ayame endlwini kaThixo ayebanzi elingentla kunelingaphantsi kwalo. Ungqameko olujikeleze indlu kaThixo lwalwakhiwe ngokuya lunyuka, into ke leyo eyatsho namagumbi aye evuleka ngokunyuka kwawo. Kwakukho amanqwanqwa okunyuka ukusuka kumgangatho wokuqala ezantsi, agqobhoze kophakathi, aye kutsho kophezulu.
8 Indlu kaThixo yayirhangqwe ludonga emazantsi, olwalusisiseko samagumbi ayamileyo. Umlinganiso walo wawulinganiswa noluthi lokulinganisa, oko kukuthi luziimitha ezintathu.
9 Ububanzi bodonga olungaphandle lunamagumbi babuziimitha ezimbini ezinesiqingatha. Ububanzi bebala eliphakathi kwamagumbi ayamileyo
10 namagumbi ababingeleli lijikeleze yonke indlu kaThixo babulishumi leemitha.
11 Ibala eli lalinamasango amabini okuya kumagumbi ayamileyo, elinye lijonge emazantsi, elinye lijonge emantla. Ibala laliziimitha ezimbini ezinesiqingatha ububanzi lonke njengokuba lijikelezile.
12 Ububanzi bendlu eyayimi entshonalanga yentendelezo yendlu kaThixo babuziimitha ezingamashumi amathathu anantlanu, ububanzi bodonga lwayo buziimitha ezimbini ezinesiqingatha, ubude buziimitha ezingamashumi amane anantlanu.