2 ndaza ndabubona ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli buvela ngasempumalanga. Ilizwi lakhe langa ngumgqumo womsinga wamanzi, waza umhlaba wakhanya bubuqaqawuli bakhe.
3 Umbono endawubonayo nqwa nalowo ndawubonayo mhlenikwezeni wayeze kutshabalalisa isixeko, kwanaloo mibono ndayibonayo phezu komlambo iKebhare, ndaza ke mna ndalala tywaa ndifihla ubuso.
4 Ubuqaqawuli *bukaNdikhoyo bangena endlwini kaThixo ngesango elijonge empumalanga.
5 UMoya wandifunqula wandibeka kwintendelezo ephakathi, yaza indlu kaThixo yazala bubuqaqawuli bukaNdikhoyo.
6 Isemi ngakum indoda leyo, ndeva kukho umntu esendlwini kaThixo ebhekisa kum,
7 wathi: “Mntundini, le yindawo yesihlalo sam nendawo endibeka kuyo iinyawo zam. Kulapha apho ndiza kuhlala khona phakathi kwamaSirayeli ngonaphakade. Indlu kaSirayeli ayisokuze iphinde ilixabhele igama lam elilodwa – nditsho wona neekumkani zawo – ngobuhenyukazi bawo nangokwenza iindawo eziphakamileyo zokungcwaba izidumbu zookumkani.
8 Athi akuyibeka imigubasi yawo ngakweyam, nemigubasi yeengcango zawo ngakweyeengcango zam, saza sahlulwa nje ludonga, alinyelisa igama lam ngezenzo zawo ezimanyumnyezi. Ke mna ndawatshabalalisa ndisemsindweni.