4 Ubuqaqawuli *bukaNdikhoyo bangena endlwini kaThixo ngesango elijonge empumalanga.
5 UMoya wandifunqula wandibeka kwintendelezo ephakathi, yaza indlu kaThixo yazala bubuqaqawuli bukaNdikhoyo.
6 Isemi ngakum indoda leyo, ndeva kukho umntu esendlwini kaThixo ebhekisa kum,
7 wathi: “Mntundini, le yindawo yesihlalo sam nendawo endibeka kuyo iinyawo zam. Kulapha apho ndiza kuhlala khona phakathi kwamaSirayeli ngonaphakade. Indlu kaSirayeli ayisokuze iphinde ilixabhele igama lam elilodwa – nditsho wona neekumkani zawo – ngobuhenyukazi bawo nangokwenza iindawo eziphakamileyo zokungcwaba izidumbu zookumkani.
8 Athi akuyibeka imigubasi yawo ngakweyam, nemigubasi yeengcango zawo ngakweyeengcango zam, saza sahlulwa nje ludonga, alinyelisa igama lam ngezenzo zawo ezimanyumnyezi. Ke mna ndawatshabalalisa ndisemsindweni.
9 Ke ngoku amaSirayeli makabushenxise phambi kwam ubuhenyukazi bawo kwanezidumbu zookumkani bawo, ndize ke mna ndihlale phakathi kwawo ngonaphakade.
10 “Mntundini, bachazele ngendlu kaThixo abantu bakwaSirayeli, khon' ukuze bazidanele izono zabo. Mabayiqwalasele iplani yendlu yam,