8 Endaweni yokuqhuba ngokwemigaqo ebhekiselele kwizinto zam ezingcwele, niyalele bantu bambi ukuba balawule isibingelelo sam.
9 Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Akukho ntlanga ingalukanga engandikhonziyo iya kungena esibingelelweni sam, nditsho nkqu nomngeneleli ohlala phakathi kwamaSirayeli.
10 “Kuphela ngabaLevi abamelwe kukulawula isibingelelo sam, kanti abaLevi basuke bandityeshela ngexesha lokukreqa kwamaSirayeli, baza bahambela kude nam ngenxa *yezithixo zabo. Ke ngoko ndiyabohlwaya ngenxa yesono sabo.
11 Bangade beme phambi kwesibingelelo sam, balawule amasango endlu kaThixo, basebenze nakuyo; bangawaxhela amadini etshiswayo, babenzele namadini abantu; bangema phambi kwabantu bebalungiselela.
12 Kodwa ngenxa yokuba abantu babenzele amadini noxa bekhonza izithixo, baza ngokwenjenjalo bayeyelisela esonweni indlu kaSirayeli, ndamisa isibhozo ndisithi baza kohlwaywa ngeziphoso zabo, utsho uMhlekazi uNdikhoyo.
13 “Abayi kusondela kum bandilungiselele okwababingeleli, bengayi kusondela nakwiminikelo yam engcwele okanye bangene kweyona ndawo yam ingcwele. Mabalithwale ihlazo lezenzo zabo ezimanyumnyezi.
14 Ke ndiza kubenza abaququzeleli bendlu kaThixo, benze yonke imisebenzi abayalelwe yona.