21 “ ‘Ngosuku lweshumi elinesine kwinyanga yokuqala niza kuba nesikhumbuzo *sePasika, umsitho oya kuqhutywa isixhenxe seentsuku, ngalo lonke elo xesha nisitya isonka esinganyuswanga.
22 Ngaloo mini inkosi yesizwe iya kukhupha inkunzi yenkomo ibe lidini layo lesono kwanabo bonke abantu belizwe.
23 Yonke imihla ngezi ntsuku zomsitho iya kukhupha iinkunzi zeenkomo ezisixhenxe neenkunzi zeebhokhwe ezisixhenxe ezingenasiphako zibe lidini likaNdikhoyo elitshiswayo, neduna lebhokhwe libe lidini lesono.
24 Iya kukhupha umnikelo wokutya okhapha inkunzi yenkomo nganye omalunga neekhilogram ezingamashumi amabini, nenye ekwangako ekhapha inkunzi yebhokhwe nganye, kwaneelitha ezintathu zamafutha ezikhapha amashumi amabini eekhilogram zengqolowa.
25 “ ‘Ngazo zonke iintsuku ezisixhenxe zomsitho oqalisa ngosuku lweshumi elinesihlanu kwinyanga yesixhenxe, kufuneka awalungiselele kwangolo hlobo amadini esono, natshiswayo, neminikelo yokutya, neyamafutha.’