1 “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: ‘Isango lentendelezo ephakathi elijonge empumalanga kufuneka livalwe mba ngazo zonke iintsuku ezintandathu zomsebenzi, luze luvulwe *ngoMhla wokuPhumla nangoMhla wokuThwasa kweNyanga.
2 Inkosi iya kungena ngevaranda yesango, ize ime malunga nomgubasi. Ababingeleli baya kuyilungiselela idini elitshiswayo nomnikelo wobudlelwane. Iya kukhahlela isemgubasini wesango, ize yandule iphume, kodwa isango aliyi kuvalwa kude kube ngokuhlwa.
3 NgeMihla yokuPhumla neyokuThwasa kweNyanga abantu belizwe bonqula phambi kukaNdikhoyo ekungeneni kwesango.
4 Idini elitshiswayo eliya kuza nenkosi phambi kukaNdikhoyo ngoMhla wokuPhumla liya kuba ngamaduna amathandathu amaxhwane nenkunzi yegusha, zonke zingenasiphako.