Uhezekile 46:11-17 XHO96

11 “ ‘Emibhiyozweni nakwimisitho emiselweyo umnikelo wokutya okuziinkozo ziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha kunye neelitha ezintathu zamafutha omnquma ezihamba kunye nenkunzi yenkomo, ngokunjalo kunye nenkunzi yegusha. Phofu ezihamba namaxhwane ziya kuba ngangokuthanda komntu, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha.

12 Xa inkosi yenza umnikelo kuNdikhoyo iqhutywa yintliziyo, nokuba lidini elitshiswayo, okanye umnikelo wobudlelwane, iya kuvulelwa isango elingasempuma. Idini layo elitshiswayo okanye umnikelo wobudlelwane iya kuwunikela njengoko isenza ngoMhla wokuPhumla. Yophuma ke, ize ithi yakuphuma livalwe isango.

13 “ ‘Yonke imihla khuphani ixhwane elimnyaka mnye elingenasiphako libe lidini likaNdikhoyo elitshiswayo; likhupheni yonke imihla kusasa.

14 Xa nilikhuphayo ngeentsasa zonke niya kukhupha nomnikelo womgubo wengqolowa oziikhilogram ezimbini oxutywe nelitha yamafutha omnquma. Ukwenza lo mnikelo kuNdikhoyo ngummiselo oya kuhlala uhleli.

15 Ngoko ke idini lexhwane nomnikelo wokutya okuziinkozo namafutha liya kwenziwa yonke imihla kusasa, libe lidini elitshiswayo eliya kuhlala lihleli.’

16 “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: ‘Xa inkosi ithatha umhlaba elifeni layo ize yenze isipho komnye woonyana bayo loo mhlaba uya kuba lilifa lesizukulwana sakhe.

17 Kodwa ukuba ithathe umhlaba elifeni layo ize iphe isicaka sayo, loo mhlaba siwuphiweyo isicaka ngowaso de kufike unyaka wenguqulelo; ngelo thuba ke wobuyela enkosini. Ilifa layo leloonyana bayo kuphela.