Uhezekile 46:5-11 XHO96

5 Umnikelo weenkozo okhapha inkunzi yegusha uya kuba ziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha ezihamba neelitha ezintathu zamafutha omnquma, kodwa lowa ukhapha amaxhwane uya kuba kangangokuthanda kwakhe, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha.

6 NgoMhla wokuThwasa kweNyanga wonikela ngenkunzi eselula yenkomo, isithandathu samaxhwane, nenkunzi yegusha, zonke zingabi nasiphako.

7 Kufuneka akhuphe umnikelo weenkozo oziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha uhamba nenkunzi yenkomo, kwanongako ohamba nenkunzi yegusha, yombini ikhatshwa ziilitha ezintathu zamafutha omnquma, kanti kumaxhwane uya kukhupha kangangokuthanda kwakhe, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha.

8 Xa inkosi ingena yongena ngesango elinevaranda, ize iphume kwangalo.

9 “ ‘Xeshikweni abantu belizwe beze phambi koNdikhoyo ngexesha lemisitho emiselweyo, umntu othe wangena ngesango langentla eze kunqula kufuneka aphume ngesango langezantsi; othe wangena ngesango langezantsi kufuneka aphume ngesango langentla. Akukho mntu uya kuphuma ngesango ebengene ngalo, kodwa umntu ngamnye makaphume ngesango elijongene nalo.

10 Inkosi kufuneka ibe phakathi kwabo, ingene kunye nabo, ize iphume kunye nabo.

11 “ ‘Emibhiyozweni nakwimisitho emiselweyo umnikelo wokutya okuziinkozo ziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha kunye neelitha ezintathu zamafutha omnquma ezihamba kunye nenkunzi yenkomo, ngokunjalo kunye nenkunzi yegusha. Phofu ezihamba namaxhwane ziya kuba ngangokuthanda komntu, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha.