Uhezekile 46:8-14 XHO96

8 Xa inkosi ingena yongena ngesango elinevaranda, ize iphume kwangalo.

9 “ ‘Xeshikweni abantu belizwe beze phambi koNdikhoyo ngexesha lemisitho emiselweyo, umntu othe wangena ngesango langentla eze kunqula kufuneka aphume ngesango langezantsi; othe wangena ngesango langezantsi kufuneka aphume ngesango langentla. Akukho mntu uya kuphuma ngesango ebengene ngalo, kodwa umntu ngamnye makaphume ngesango elijongene nalo.

10 Inkosi kufuneka ibe phakathi kwabo, ingene kunye nabo, ize iphume kunye nabo.

11 “ ‘Emibhiyozweni nakwimisitho emiselweyo umnikelo wokutya okuziinkozo ziilitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha kunye neelitha ezintathu zamafutha omnquma ezihamba kunye nenkunzi yenkomo, ngokunjalo kunye nenkunzi yegusha. Phofu ezihamba namaxhwane ziya kuba ngangokuthanda komntu, nto nje iikhilogram ezilishumi elinantandathu mazihambe neelitha ezintathu zamafutha.

12 Xa inkosi yenza umnikelo kuNdikhoyo iqhutywa yintliziyo, nokuba lidini elitshiswayo, okanye umnikelo wobudlelwane, iya kuvulelwa isango elingasempuma. Idini layo elitshiswayo okanye umnikelo wobudlelwane iya kuwunikela njengoko isenza ngoMhla wokuPhumla. Yophuma ke, ize ithi yakuphuma livalwe isango.

13 “ ‘Yonke imihla khuphani ixhwane elimnyaka mnye elingenasiphako libe lidini likaNdikhoyo elitshiswayo; likhupheni yonke imihla kusasa.

14 Xa nilikhuphayo ngeentsasa zonke niya kukhupha nomnikelo womgubo wengqolowa oziikhilogram ezimbini oxutywe nelitha yamafutha omnquma. Ukwenza lo mnikelo kuNdikhoyo ngummiselo oya kuhlala uhleli.