20 Kwicala lasentshonalanga umda uya kuba luLwandle oluKhulu, kuthi gaa ngendawo ejongene nenkalo yeHamati. Ngumda wasentshona ke lowo.
21 “Niya kuzabela lo mhlaba ngokwezizwe zakwaSirayeli ezilishumi elinambini.
22 Niya kuwaba ube lilifa lenu nelabangeneleli abêma phakathi kwenu kwasebuntwaneni. Niya kubathatha njengamaSirayeli othuthu; njengani ke baya kwabelwa ilifa phakathi kwezizwe zakwaSirayeli.
23 Umngeneleli uya kunikwa ilifa kweso sizwe emi phakathi kwaso,” utsho uNdikhoyo iNgangalala.