6 Yabuza kum yathi: “Mntundini, uyayibona na le nto?”Yabuya nam, yandisa elunxwemeni lomlambo.
7 Ndakuba ndilapho ndabona imithi emininzi ikhula macala omabini omlambo.
8 Ithe kum: “La manzi aqukuqela esiya kummandla wasempumalanga, ehle aye kwintili yeJordan, apho angena khona kuLwandle oluFileyo. Athi akungena elwandle amanzi alapho aphele ubutyuba.
9 Apho lo mlambo uqukuqela khona kubakho inkitha yezilo ezihlala khona. Ziya kuba ninzi kakhulu iintlanzi, kuba apho la manzi angena khona amanzi amtyuba ayajika abe nokuselwa; ngako oko apho ucanda khona zonke izinto ziya kuphila.
10 Abalobi baya kuba selunxwemeni. Ukusuka e-Engedi kuye e-Eneglayim kuya kubakho iindawo zokwaneka iminatha. Kuya kubakho iindidi ngeendidi zeentlanzi zibe ninzi okweentlanzi zoLwandle oluKhulu.
11 Kodwa yona imigxobhozo iya kuhlala imtyuba; kuzuzwa ityuwa kuyo.
12 Macala omabini omlambo kokhula imithi yeentlobo ngeentlobo zeziqhamo. Amagqabi ayo akayi kutshaza; yosoloko inika iziqhamo. Iya kunika iziqhamo zonke iinyanga kuba ifumana amanzi aphuma endlwini kaThixo. Iziqhamo zayo ziya kuba kukutya, wona amagqabi abe liyeza.”