1 “Nazi izizwe zidweliswe ngamagama azo: Kumda osemantla kuya kwahlulelwa uDan isabelo sibe sinye. Umhlaba wakhe uya kwayama indlela esuka eHetelon iye kwinkalo yeHamati. IHazare-enon nomda osemantla eDamasko malunga neHamati uya kuba ngumda osuka empumalanga uye entshonalanga.
2 “Siya kuba sinye isabelo sika-Ashere. Siya kuba ngumhlaba oyamene nokaDan ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.
3 “Sinye isabelo sikaNafetali; ngumhlaba oyamene noka-Ashere ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.
4 “Sinye isabelo sikaManase; ngumhlaba oyamene nokaNafetali ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.
5 “Sinye isabelo sikaEfrayim; ngumhlaba owayame okaManase ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.
6 “Isahlulo sikaRubhen siya kuba sinye; siyakwayama umhlaba kaEfrayim ukusuka empumalanga kuye entshona.