22 Ngoko ke umhlaba wabaLevi nomhlaba wesixeko uya kuba sesazulwini somhlaba wenkosi. Umhlaba wenkosi uya kuthi xhaxhe ngomda wakwaJuda kwelinye icala, uze uthi xhaxhe ngomda wakwaBhenjamin ngelinye.
23 “Ngokubhekiselele kwezinye izizwe: siya kuba sinye isabelo sikaBhenjamin; siya kusuka empumalanga siye ngasentshonalanga.
24 “USimon uya kuba nesabelo esinye; siya kumelana nomhlaba kaBhenjamin ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.
25 “UIsakare uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaSimon ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.
26 “UZebhulon uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaIsakare ukusuka empuma kuye entshona.
27 “UGadi uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaZebhulon ukusuka empuma kuye entshona.
28 “Umda ongezantsi kaGadi uya kusuka eTamare uthi gaa ngamanzi eMeribha-kadeshe, uze ukhweze umfula ongakwicala leYiputa, uthi gaa ngoLwandle oluKhulu.