27 “UGadi uya kuba nesabelo esinye; siya kwayamana nomhlaba kaZebhulon ukusuka empuma kuye entshona.
28 “Umda ongezantsi kaGadi uya kusuka eTamare uthi gaa ngamanzi eMeribha-kadeshe, uze ukhweze umfula ongakwicala leYiputa, uthi gaa ngoLwandle oluKhulu.
29 “Nango ke umhlaba oya kuwabela izizwe zakwaSirayeli ube lilifa lazo ngokwezahlulo zazo,” utsho uNdikhoyo iNgangalala.
30 “Ngawo la amasango okuphuma esixekweni: Xa kuqalwa kwicala elisemantla, elibude buziikhilomitha ezimbini ezinekota,
31 amasango esixeko aya kuthiywa amagama ezizwe zamaSirayeli. Amasango amathathu angentla aya kuba lisango likaRubhen, isango likaJuda, nesango likaLevi.
32 “Ngakwicala lasempumalanga, elibude buziikhilomitha ezimbini ezinekota, kuya kubakho amasango amathathu: isango likaJosefu, isango likaBhenjamin, nesango likaDan.
33 “Ngakwicala lasemazantsi, elibude buziikhilomitha ezimbini ezinekota, kuya kubakho amasango amathathu: isango likaSimon, isango likaIsakare, nesango likaZebhulon.