31 amasango esixeko aya kuthiywa amagama ezizwe zamaSirayeli. Amasango amathathu angentla aya kuba lisango likaRubhen, isango likaJuda, nesango likaLevi.
32 “Ngakwicala lasempumalanga, elibude buziikhilomitha ezimbini ezinekota, kuya kubakho amasango amathathu: isango likaJosefu, isango likaBhenjamin, nesango likaDan.
33 “Ngakwicala lasemazantsi, elibude buziikhilomitha ezimbini ezinekota, kuya kubakho amasango amathathu: isango likaSimon, isango likaIsakare, nesango likaZebhulon.
34 “Ngakwicala lasentshonalanga, elibude buziikhilimitha ezimbini ezinekota, kuya kubakho amasango amathathu: isango likaGadi, isango lika-Ashere, nesango likaNafetali.
35 “Umgama ukujikeleza isixeko uya kuba ziikhilimitha ezilithoba.“Ukususela kwelo xesha igama lesixeko kuya kuthiwa *nguNdikhoyo ulapha.”