9 “Lo mhlaba uwodwa uya kunikelwa *kuNdikhoyo uya kuba ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha ubude neekhilomitha ezintlanu ububanzi.
10 Le ke iya kuba yindawo eyodwa yababingeleli. Ubude bayo emantla buya kuba ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha, buze ububanzi bayo ngasentshonalanga bube ziikhilomitha ezintlanu. Ngasentshonalanga ububanzi buya kuba ziikhilomitha ezintlanu, buze ubude bayo emazantsi bube ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha. Isibingelelo sikaNdikhoyo soba sesazulwini sayo.
11 Lo mhlaba uya kuba ngowababingeleli abachongiweyo, amaZadoki, wona âlulamela imimiselo yam ngokunyaniseka akakreqa axela abaLevi xeshikweni ayephambukile amaSirayeli.
12 Uya kuba yinxaxheba yabo eyodwa ethathwe kumhlaba owodwa nongcwele owayamene nomhlaba wabaLevi.
13 “AbaLevi baya kuba nomhlaba owayame lowo wababingeleli. Umlinganiselo wawo uya kuba ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha ubude neekhilomitha ezintlanu ububanzi.
14 Ze bangawuthengisi okanye batshintshise ngawo. Ngumhlaba okhethekileyo lo; ngako oko uze ungabi ngowabanye abantu, kuba ungumhlaba owodwa kaNdikhoyo.
15 “Umhlaba oseleyo obubanzi buziikhilomitha ezimbini ezinesiqingatha nobude obuziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha uya kuba ngowesixeko, ube yindawo yokwakha izindlu nedlelo. Isixeko siya kuba sesazulwini sawo.