1 Wathi kum *uNdikhoyo: “Ngoko ke, mntundini, thatha ikrele elibukhali, ususe ngalo iinwele zakho neendevu zakho ngokungathi liyimela yokugugula. Uze uthathe isikali, wenze imilinganiso ngemilinganiso yeenwele ezo.
2 Kuya kuthi zakuphela iintsuku zorhangqo usitshise ngomlilo isithathu seenwele phakathi esixekweni; esinye isithathu ujikeleze naso ngaphandle kwesixeko, uhambe usinqunqa ngekrele; esokugqibela usilahle simke nomoya. Kaloku ndiya kuwaleqa ndiqhiwulé ikrele lam.
3 Uze ushiye iinwele ezimbalwa, uzifihle emgobeni wengubo yakho.
4 Uze uthathe zibe mbalwa kwezi, uziphose emlilweni zitshe. Umlilo uya kuqala apho, unwenwele kuyo yonke indlu kaSirayeli.”