5 Ithi iNkosi uNdikhoyo: “Le yiJerusalem endiyibeke phakathi kweentlanga, yaza yarhangqwa ngamazwe.
6 Kodwa ngenxa yenkohlakalo yayo iyivukele imithetho nemimiselo yam nangaphezu kweentlanga namazwe ayirhangqileyo. Iyibukule imithetho yam, yayityeshela imimiselo yam.
7 “Ngako oko ithi iNkosi uNdikhoyo: ‘Ube nobutshijolo ngaphezu kweentlanga ezikurhangqileyo, waza wayityeshela imimiselo yam, akwayithobela imithetho yam. Uyalabalaba nakumgangatho weentlanga ezikurhangqileyo.’ ”
8 Yaqhuba iNgangalala iNkosi uNdikhoyo yathi: “Ke ngoko mna ngokwam ndiyalwa nawe, Jerusalem, ndaye ndiza kukohlwaya iintlanga zijongile.
9 Ngenxa yamasikizi owenzileyo, kuwe ndiza kwenza into endingazange ndayenza ngaphambili, endingayi khuphinda ndiyenze nanini na.
10 Ewe, kuwe ooyise baya kudla abantwana babo, abantwana badle ooyise. Ndiya kukohlwaya, ndize amasalela ndiwasarhaze emoyeni.
11 Mna ngokwam ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, njengokuba ungcolise isibingelelo sam esingcwele ngezithixo zakho ezinezothe nangezenzo zakho ezingamasikizi, ndiza kuzirhoxisa iimfefe zam kuwe; andiyi kuba naluvelwano.