5 Izidumbu zamaSirayeli ndiza kuzifumba phambi kwezithixo zawo, ndize amathambo awo ndiwasarhaze ajikeleze amaqonga enu.
6 Nakuyiphi na indawo enimi kuyo izixeko ziya kutshatyalaliswa, zize iindawo zonqulo eziphakamileyo zidilizwe, khon' ukuze amaqonga enu amadini aqhekezwe, nezithixo zenu zityunyuzwe, namaqonga eziqhumiso achitha-chithwe, zide ziphele tu izinto ebenizenze ngezandla zenu.
7 Abantu baya kugeqwa likrele phakathi kwenu, ukuze niqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo.
8 “Kodwa abanye ndiya kubasindisa, kuba bakho abaya kusaba lingabazuzi ikrele ngeli xesha nisarhazwe kwezinye izizwe namazwe.
9 Ke abo bathe bengabathinjwa basinda, baya kukukhumbula ukukhathazeka kwam ngenxa yokungathembeki kwabo, ngokundinikela umva, benqwenela izithixo zabo. Baya kuzizonda ngenxa yobugwenxa babo nangawo onke amanyundululu abo.
10 Baya kundazi ukuba mna ndinguNdikhoyo, andifananga ndabatyityimbisela umnwe ukuba ndiya kubahlisela esi sithwakumbe.
11 “Ithi iNgangalala iNkosi uNdikhoyo: Betha ngesandla sakho, ungqishe ngonyawo, uthi: ‘Yeha!’ ngenxa yamanyundululu endlu kaSirayeli, kuba baya kufa ngekrele, ngendlala, nangobhubhani.