1 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo
2 lisithi: “Mntundini, ithi iNkosi uNdikhoyo kwilizwe lakwaSirayeli:“Isiphelo!Isiphelo sifikile kwiimbombo zone zomhlaba!
3 Mhlabandini, sifikile ngoku isiphelo sakho,kwaye ndiza kukubasela ngomsindo wam;ndiza kukugweba ngokwezenzo zakho,ndiziphindezele ngenxa yamasikizi owenzileyo.
4 Andiyi kuba naluvelwano,ndingayi kuba nayo nenceba,koko ndiya kukubuyekeza ngenxa yezenzo zakho,uchanwe ngamanyundululu akho.Uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo.
5 “INkosi uNdikhoyo ithi:“Intlekele!Nants' intlekele!Nants' ifikile!