12 “Ixesha lixheshile;imini ifikile!Phantsi imincili kumthengi,umthengisi angabi lusizi,kuba ingqumbo isifikele isihlwele.
13 Umthengisi akayi kuwubuyiselwa umhlaba wakhenokuba usaphila nomthengi,kuba awuzukujikwa umbono oxela intshabalalo yesihlwele.Akukho namnye oya kuba nako ukusindisa ubomi bakhe,kuba kaloku akukho namnye ungonanga.
14 Bangade balivuthele ixilongo,baxhobe bafe amacala,kodwa akukho namnye oya kulilwa idabi,kuba ingqumbo yam iphezu kwesihlwele siphela.
15 “Likrele kongaphandle;kongaphakathi ngubhubhani nendlala.Abasemaphandleni baya kubulawa ngekrele;abasesixekweni baya kubhuqwa yindlala nangubhubhani.
16 Bonke abasindileyo basababaya kubalekela ezintabeni,bekhala njengamahobe asezintlanjeni,bekhala ngenxa yezono zabo.
17 Ziya kuwa zonke izandla,amadolo abe nengevane.
18 Baya kunxiba amarhonya,bagubhe kukoyika.Baya kuba manyonywana,bazixhwithe iinwele zabo.