19 Baya kuyilahla ezitalatweni isiliva yabo,igolide ifane nento emdaka.Abayi kusindiswa yigolide nesiliva yabongomhla wengqumbo kaNdikhoyo.Abayi kuyidla xa belambile;kaloku yiyo ebakhubekisileyo.
20 Bebeqhayisa ngezihombo zabo ezimbeje-mbeje,bezisebenzisa ekwenzeni *izithixo zabo ezinezothe *nemifanekiso engamasikizi.Ngako oko ndiya kuziguqulazibe njengento emdaka kubo.
21 Ndiya kuzinika abasemzini,zibe lixhoba labo;ewe, zibe lixhoba lezikhohlakali zomhlaba,zona ziya kuzixabhela.
22 Ndoval' amehlo,bayigqwalisele indawo yam endiyixabise kunene;abaphangi bongena bayixabhele.
23 “Lungisani amatyathanga,kuba ilizwe lithe mome ligazi,isixeko songanyelwe lugonyamelo.
24 Ndiya kuza nezona zizwe zikhohlakeleyo,zithimbe izindlu zabo;ndiya kuliphelisa ikratshi labanamagunya,neendawo zabo zonqulo ziya kuxabheleka.
25 Lwakufika unxunguphalo,baya kufuna uxolo,lube lungafumaneki.