3 Mhlabandini, sifikile ngoku isiphelo sakho,kwaye ndiza kukubasela ngomsindo wam;ndiza kukugweba ngokwezenzo zakho,ndiziphindezele ngenxa yamasikizi owenzileyo.
4 Andiyi kuba naluvelwano,ndingayi kuba nayo nenceba,koko ndiya kukubuyekeza ngenxa yezenzo zakho,uchanwe ngamanyundululu akho.Uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo.
5 “INkosi uNdikhoyo ithi:“Intlekele!Nants' intlekele!Nants' ifikile!
6 Isiphelo sifikile!Isiphelo sigalelekile!Siyakugragramela!Ewe, sifikile!
7 Intshabalalo igalelekile, mmindini weli lizwe.Ixesha lixheshile!Imini seyisondele;endaweni yovuyo yidyudyu ezintabeni.
8 Ndowukhuphela kuwe umsindo wam,ndiyiphelisele kuwe ingqumbo yam;ndiya kukohlwaya ngezenzo zakho,ndikubuyekeze ngamanyundululu akho.
9 Andiyi kuba naluvelwano,ndingayi kuba nayo nenceba,koko ndiya kukubuyekeza ngenxa yezenzo zakho,uchanwe ngamanyundululu akho.Uya kutsho uqonde ukuba ndim mna Ndikhoyo ogqebhayo.