1 Ngonyaka wesithandathu, ngosuku lwesihlanu kwinyanga yesithandathu, ndandihleli endlwini yam, amadoda amakhulu akwaJuda ethe qwelele phambi kwam, ndaza ndonganyelwa ngamandla eNkosi *uNdikhoyo.
2 Ndajonga, ndaza ndabona into efana nomntu. Yayingathi ngumlilo ukusuka esinqeni kuhle; ukunyuka yayiqaqambe okwesinyithi esitshe sada sabomvu.
3 Yolula loo nto yayingathi sisandla, yandithi hlasi ngesihlwitha. UMoya wanditsho ndaphakathi komhlaba nezulu, ndaza ngokombono kaThixo ndasiwa eJerusalem kwisango elingentla yeyona nkundla iphakathi apho kwakumi *isithixo esasixhokonxa ikhwele likaNdikhoyo.
4 Apho phambi kwam ndabona ubuqaqawuli boThixo kaSirayeli obufana nqwa nobuya ndabuboniswa ethafeni.
5 INkosi yathi kum: “Mntundini, khangela ngasentla.” Ndaza ndajonga, ndabona isithixo esixhokonxa ikhwele likaNdikhoyo simi kufuphi neqonga lamadini ngakwisango langentla.