14 Indise kwisango elingentla lendlu kaNdikhoyo, ndaza ndabona abafazi behleli bezilele isithixo uTamuzi.
15 Ithe kum: “Uyayibona le nto, mntundini? Useza kubona amanyundululu angaphezu kwala.”
16 Ngoku indingenise phakathi kweyona nkundla yendlu kaNdikhoyo. Ngakwisango phakathi kweqonga nendawo yokuhamba kwakukho malunga namashumi amabini anesihlanu amadoda. Ayeyifulathele indlu kaNdikhoyo, ejonge empumalanga, equbuda kwilanga lasempuma.
17 Ithe kum: “Ukubonile oku, mntundini? Ngathi indlu kaJuda ayanelanga ngala manyundululu iwenzayo, ngoku izalise ilizwe lonke ngogonyamelo, indixhokonxa ngakumbi ukuze ndibe nomsindo. Babone ke aba bantu: nâbo bewangawangisa ngamasebe omdiliya ngasezimpumlweni zabo!
18 Ngokwenene andiyi kuba nalusizi, ndingayi kubasindisa; baza kuthi shu yingqumbo yam. Nokuba sebede batsho ngenzwinini yesikhalo andiyi kuphulaphula.”