3 Yolula loo nto yayingathi sisandla, yandithi hlasi ngesihlwitha. UMoya wanditsho ndaphakathi komhlaba nezulu, ndaza ngokombono kaThixo ndasiwa eJerusalem kwisango elingentla yeyona nkundla iphakathi apho kwakumi *isithixo esasixhokonxa ikhwele likaNdikhoyo.
4 Apho phambi kwam ndabona ubuqaqawuli boThixo kaSirayeli obufana nqwa nobuya ndabuboniswa ethafeni.
5 INkosi yathi kum: “Mntundini, khangela ngasentla.” Ndaza ndajonga, ndabona isithixo esixhokonxa ikhwele likaNdikhoyo simi kufuphi neqonga lamadini ngakwisango langentla.
6 INkosi yathi kum: “Mntundini, uyayibona into abayenzayo – intlondi eyenziwa yindlu kaSirayeli apha, izinto eziza kundigxotha kwisibingelelo sam esisodwa? Kanti ke useza kubona nawona manyundululu.”
7 Yaza yandibeka esangweni lenkundla. Ndajonga ndabona umngxuma eludongeni.
8 Yathi ke kum: “Mntundini, ngoku ke gqobhoza eludongeni.” Nam ke ndagqobhoza, ndaza ndabona umnyango apho.
9 Yathi kum: “Ngena ubone amanyundululu abawenzayo apha.”