14 Izidalwa zazisenza amatshe okombane, zithi ziphambili zibe zibuyela emva.
15 Ndakuzondela izidalwa eziphilayo ndabona ivili limi emhlabeni ngakwisidalwa ngasinye esinobuso obunxa-ne.
16 Yayinje imbonakalo yokwakheka kwamavili: Ayefana ncam, onke eqaqambe okwekrisolite. Ivili ngalinye laba ngathi linqumleze elinye ivili.
17 Xa zihamba zazisiya nakwiliphi na icala kumacala omane ezazijonge kuwo izidalwa, amavili engajika-jiki naxa zihambayo izidalwa.
18 Iifeleni zamavili zaziphakamile zisoyikeka, zinamehlo ngeenxa zonke.
19 Bezisithi zakuhamba izidalwa eziphilayo, nawo amavili emi ngakuzo ahambe; zithi zakuphakama emhlabeni izidalwa, nawo amavili aphakame emhlabeni.
20 Izidalwa bezisiya apho zikhokelelwa khona nguMoya, ngokunjalo namavili, kuba uMoya olawula izidalwa eziphilayo ezo yayikwangulo uqhuba amavili.