17 Xa zihamba zazisiya nakwiliphi na icala kumacala omane ezazijonge kuwo izidalwa, amavili engajika-jiki naxa zihambayo izidalwa.
18 Iifeleni zamavili zaziphakamile zisoyikeka, zinamehlo ngeenxa zonke.
19 Bezisithi zakuhamba izidalwa eziphilayo, nawo amavili emi ngakuzo ahambe; zithi zakuphakama emhlabeni izidalwa, nawo amavili aphakame emhlabeni.
20 Izidalwa bezisiya apho zikhokelelwa khona nguMoya, ngokunjalo namavili, kuba uMoya olawula izidalwa eziphilayo ezo yayikwangulo uqhuba amavili.
21 Bezisithi izidalwa zakusuka, nawo amavili asuke; zithi zakuma bhuxe, nawo eme bhuxe; zithi zakuphakama emhlabeni izidalwa, nawo amavili aphakame emhlabeni, kuba uMoya olawula izidalwa eziphilayo ezo yayikwangulo uqhuba amavili.
22 Phezu kweentloko zezidalwa eziphilayo kwakukho into efana nesibhakabhaka. Yayinkulu, imangalisa, imenyezela okomkhenkce.
23 Iseso isidalwa esiphilayo sawatwabulula amaphiko aso phantsi kwesibhakabhaka eso, aza amaphiko amabini ayamana nawezinye izidalwa, amabini asala ethe wambu umzimba.