17 Ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:
18 “Mntundini, ngcangcazela xa usidla ukutya kwakho, udude kukoyika xa usela amanzi.
19 Yithi kubantu beli lizwe: ‘Ngokuphathelele kubantu abahlala eJerusalem nakwilizwe lamaSirayeli itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ukutya kwabo baya kukutya bexhalabile, amanzi bawasele bephelelwe lithemba, kuba ilizwe labo liza kushiywa lize ngenxa yezenzo zobutshijolo zabantu balo.
20 Izixeko ezinabantu ziya kuba ngamabhodlo, lize ilizwe libe sebugxwayibeni. Noqonda ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.’ ”
21 Ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:
22 “Mntundini, andibi kukho iqhalo kwaSirayeli elithi: ‘Ziyahamba zona iintsuku, wona umbono ungaphumi ntweni’?
23 Yithi ke kubo: ‘Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kuliphelisa eli qhalo, ukuze lingabuye livakale kwaSirayeli.’ Yithi kubo: ‘Sezisondele iintsuku zokuba yonke imibono izalisekiswe.