2 Ndaza ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
3 “Mntundini, la madoda aqulathe *izithixo ezintliziyweni zawo, aza abeka izikhubekiso ezikhohlakeleyo phambi kobuso bawo. Ndiwavumele na ukuba abe nento ayibuzayo kum?
4 Ngako oko thetha nawo uwaxelele uthi: ‘Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Xeshikweni nawuphi na umSirayeli equlathe izithixo entliziyweni yakhe, waza wabeka isikhubekiso senkohlakalo phambi kwakhe, aze aye *kumshumayeli, uya kuphendulwa ndim Ndikhoyo siqu ngokunqula kwakhe izithixo okungaka.
5 Oku ndiya kukwenzela ukubuyisa iintliziyo zabo bonke abantu bam bakwaSirayeli, abathe bandilahla ngenxa yezithixo.’
6 “Ngoko ke yithi kwindlu kaSirayeli: ‘Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Guqukani, nishenxe kwizithixo zenu, nahlukane nezenzo zenu zamanyundululu!’
7 “Xeshikweni nawuphi na umSirayeli okanye umngeneleli uthe wazikhwebula kum, waza waqulatha izithixo entliziyweni yakhe, wabeka nesikhubekiso senkohlakalo phambi kwakhe, asuke aye kubuza ngam kumshumayeli, mna Ndikhoyo ndiya kumphendula ngokwam.
8 Ndoyichasa loo ndoda, ndiyenze umzekelo nondaba-mlonyeni. Ndiya kuyishenxisa ebantwini bam. Niya kuqonda ngoko ukuba mna ndinguNdikhoyo.